Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 12:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula bemhlazisile.

5. Wabuya wathuma omnye; lowo bambulala. Wathuma nabanye babaninzi, inxenye beyityabula, inxenye beyibulala.

6. Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.

7. Ke bona abo balimi bathi phakathi kwabo, Yindlalifa lo; yizani simbulale, ilifa libe lelethu.

8. Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.

9. Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso.

10. Anisilesanga na esi sibhalo sithi,Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo;

11. Kwavela eNkosini oku,Kungummangaliso emehlweni ethu?(INdum. 118:22,23)

12. Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.

13. Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha.

14. Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,* akuvumelekile, kusini na? Siníkele, singanikeli, kusini na?

15. Ke kaloku yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo,* ndiyibone.

funda isahluko epheleleyo Umarko 12