Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 12:12-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.

13. Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha.

14. Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,* akuvumelekile, kusini na? Siníkele, singanikeli, kusini na?

15. Ke kaloku yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo,* ndiyibone.

16. Bayizisa ke. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?

17. Bathi ke kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Bamangaliswa nguye.

18. Kweza kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; babuza kuye besithi,

19. Mfundisi, uMoses wasibhalela, wathi, Ukuba umzalwana kathile uthe wafa, washiya umfazi, akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.

20. Ke kaloku bekukho abazalwana abasixhenxe. Wathi owokuqala wazeka umfazi; waza akufa akashiya mbewu.

21. Uthe owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu. Wenjenjalo nowesithathu.

22. Bamzeka ke bosixhenxe; àbashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi.

23. Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba babenaye bosixhenxe engumfazi.

24. Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo?

funda isahluko epheleleyo Umarko 12