Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 11:30-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Ndiphenduleni.

31. Baye becamanga phakathi kwabo, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?

32. Kodwa ukuba sithe, Lwaluphuma ebantwini — babesoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene.

33. Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Aphendule uYesu athi kubo, Nam andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

funda isahluko epheleleyo Umarko 11