Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 11:24-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; nòba nazo.

25. Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.

26. Ke, ukuba anixoleli nina, nàye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.

27. Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubon' ukuba uyahamba etempileni, kúze kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu;

28. bathi kuye, Ùzenza ezi zinto ngagunya lini na? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya lokuze ezi zinto uzenze?

29. Waphendula ke uYesu, wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

30. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Ndiphenduleni.

31. Baye becamanga phakathi kwabo, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?

32. Kodwa ukuba sithe, Lwaluphuma ebantwini — babesoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene.

33. Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Aphendule uYesu athi kubo, Nam andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

funda isahluko epheleleyo Umarko 11