Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 11:22-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.

23. Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angàthandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha.

24. Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; nòba nazo.

25. Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.

26. Ke, ukuba anixoleli nina, nàye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.

funda isahluko epheleleyo Umarko 11