Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 11:12-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Uthe ngengomso, bakubon' ukuba baphumile eBhetani, walamba.

13. Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo; akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane.

14. Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Baye besiva ke abafundi bakhe.

15. Bafika eYerusalem. Waza uYesu, eye kungena etempileni, waqala wabakhupha ababethengisa nababethenga etempileni; wathi neetafile zabanani bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa.

16. Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya.

17. Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.

18. Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangáthini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe.

19. Uthe ke kwakuhlwa waphuma, waya ngaphandle komzi.

20. Bathi bedlula kusasa, bawubona umkhiwane lowo womile, uthabathele kwasezingcanjini.

21. Ekhumbule uPetros, uthi kuye, Rabhi,* khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.

22. Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.

23. Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angàthandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha.

24. Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; nòba nazo.

25. Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.

26. Ke, ukuba anixoleli nina, nàye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.

27. Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubon' ukuba uyahamba etempileni, kúze kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu;

28. bathi kuye, Ùzenza ezi zinto ngagunya lini na? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya lokuze ezi zinto uzenze?

29. Waphendula ke uYesu, wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

funda isahluko epheleleyo Umarko 11