Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 11:12-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Uthe ngengomso, bakubon' ukuba baphumile eBhetani, walamba.

13. Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo; akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane.

14. Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Baye besiva ke abafundi bakhe.

15. Bafika eYerusalem. Waza uYesu, eye kungena etempileni, waqala wabakhupha ababethengisa nababethenga etempileni; wathi neetafile zabanani bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa.

16. Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya.

17. Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.

18. Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangáthini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe.

19. Uthe ke kwakuhlwa waphuma, waya ngaphandle komzi.

20. Bathi bedlula kusasa, bawubona umkhiwane lowo womile, uthabathele kwasezingcanjini.

21. Ekhumbule uPetros, uthi kuye, Rabhi,* khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.

22. Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.

23. Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angàthandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha.

24. Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; nòba nazo.

funda isahluko epheleleyo Umarko 11