Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 11:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, xa basondelayo eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, besingisa eNtabeni yemiNquma, ususa babe babini kubafundi bakhe,

2. athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi ningena kuwo, nibe senifumana ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.

3. Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? nòthi, Liyafuneka eNkosini; wothi kwaoko ke alithumele apha.

4. Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; balikhulula.

5. Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole?

6. Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babayeka.

7. Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwalo.

8. Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni.

9. Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; makabongwe lo uzayo egameni leNkosi.

10. Mabubongwe ubukumkani bobawo wethu uDavide, obo buzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!

11. Uthe ke uYesu wangena eYerusalem nasetempileni; ezisingasingile izinto zonke, wathi, kuba bekusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabalishumi elinababini.

funda isahluko epheleleyo Umarko 11