Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 10:48-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

48. Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.

49. Wema uYesu wathi, Makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, suk' ume; úyakubiza.

50. Ithe ke yona, ilahlé ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu.

51. Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Rabhoni,* ndithanda ukuba ndibone.

52. Wathi ke uYesu kuyo, Hamba uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Yabona kwaoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

funda isahluko epheleleyo Umarko 10