Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 10:13-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Baye bezisa abantwana kuye ukuze abachukumise; basuka abafundi babakhalimela abo babazìsayo.

14. Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wacaphuka, wathi kubo, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.

15. Inene ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo.

16. Waza wabawola, wazibeka izandla phezu kwabo, wamana ebasikelela.

17. Akubon' ukuba uyaphuma, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndénze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?

18. Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela — nguThixo.

19. Uyayazi imithetho: Musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqinela ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko.

20. Uphendule ke yena wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam.

21. Uthe ke uYesu, ondele kuye, wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza ke undilandele, uwuthwele umnqamlezo.

22. Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi.

23. UYesu esingasingile, wathi kubafundi bakhe, Hayi, ukuba ngenkankulu ukuya kungena kwabo banobutyebi ebukumkanini bukaThixo!

24. Ke bathi qhiphu umbilini abafundi ngamazwi akhe. Aphinde ke uYesu, aphendule athi kubo, Bantwana, hayi, ukuba ngenkankulu ukuthi abo bakholosé ngobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo!

25. Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.

26. Baye bekhwankqiswa ke ngokuncamisileyo, besitshono ukuthi, Ngubani na ongásindiswayo?

27. Óndele ke kubo uYesu, uthi, Kubantu akunakwenzeka; kuye yena uThixo akunakuba kungenzeki; kuba zonke izinto zinako ukwenzeka kuye uThixo.

28. Waqala uPetros ukuthi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke, sakulandela.

29. Waphendula uYesu wathi, Inene ndithi kuni, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi,

30. ongayi kuthi amkeliswe kalikhulu: ngoku ngeli xesha, izindlu, nabazalwana, noodade, noonina, nabantwana, namasimi, ndawonye neentshutshiso; nakwelizayo iphakade, ubomi obungunaphakade.

31. Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.

32. Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eYerusalem; waye uYesu ehamba phambi kwabo; baye bethe qhiphu umbilini, balandela besoyika. Wabuya wabathabatha abalishumi elinababini waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela, esithi,

funda isahluko epheleleyo Umarko 10