Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 10:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Esukile apho, uzé kungena emideni yakwaYuda, ecanda kweliphesheya kweYordan. Kubuya kuhlanganiselane izihlwele kuye; ubesithi ke, njengoko ebeqhele ngako, abuye azifundise.

2. Bafika abaFarisi, bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo; batsho bemlinga.

3. Waphendula ke wathi kubo, UMoses waniwisela mthetho mni na?

4. Bathi bona, UMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala.

5. Waphendula uYesu wathi kubo, Ngokuba lukhuni kwentliziyo yenu, wanibhalela loo mthetho;

6. kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa, uThixo wabenza bayindoda nenkazana.

7. Ngenxa yoko umntu uyakushiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe;

8. baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, àbasebabini, banyama-nye.

9. Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.

10. Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza ngayo loo nto.

11. Athi kubo, Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza kulowa.

12. Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.

13. Baye bezisa abantwana kuye ukuze abachukumise; basuka abafundi babakhalimela abo babazìsayo.

14. Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wacaphuka, wathi kubo, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.

15. Inene ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo.

16. Waza wabawola, wazibeka izandla phezu kwabo, wamana ebasikelela.

funda isahluko epheleleyo Umarko 10