Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 1:6-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Waye ke kaloku uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe, abe ke esidla iinkumbi nobusi basendle.

7. Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe.

8. Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.

9. Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.

10. Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe.

11. Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.

12. Uthi kwaoko uMoya amkhuphele entlango.

13. Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mané, ehendwa nguSathana; waye endawonye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungisesela.

14. Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, esithi,

15. Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.

16. Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi.

17. Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.

18. Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.

19. Uhambele phambili kancinane esuka apho, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane, umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, beyilungisa iminatha yabo.

20. Wababiza kwaoko; bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni enabaqeshwa, besuka bamlandela.

21. Bangena eKapernahum. Engene kwaoko ngesabatha endlwini yesikhungu, wafundisa.

22. Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.

23. Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala, esithi, Yoo!

24. Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Ùzé kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Umarko 1