Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 1:35-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Uthe kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho.

36. Bamphuthuma ooSimon nabo babenaye.

37. Bemfumene bathi kuye, Bonke bayakufuna.

38. Athi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko.

39. Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon.

40. Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.

41. UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka.

42. Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka.

43. Akuba emyalile kalukhuni, wamkhupha kwaoko.

44. Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nento le; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo.

45. Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhléni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke.

funda isahluko epheleleyo Umarko 1