Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 1:31-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Weza ke kuye, wamvusa embambe ngesandla; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela.

32. Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon.

33. Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho.

34. Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi.

35. Uthe kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho.

36. Bamphuthuma ooSimon nabo babenaye.

37. Bemfumene bathi kuye, Bonke bayakufuna.

38. Athi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko.

39. Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon.

40. Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.

41. UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka.

42. Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka.

funda isahluko epheleleyo Umarko 1