Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 1:20-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Wababiza kwaoko; bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni enabaqeshwa, besuka bamlandela.

21. Bangena eKapernahum. Engene kwaoko ngesabatha endlwini yesikhungu, wafundisa.

22. Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.

23. Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala, esithi, Yoo!

24. Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Ùzé kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.

25. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye.

26. Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye.

27. Baqhiphuka umbilini bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamlulamele?

funda isahluko epheleleyo Umarko 1