Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 1:15-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.

16. Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi.

17. Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.

18. Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.

19. Uhambele phambili kancinane esuka apho, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane, umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, beyilungisa iminatha yabo.

20. Wababiza kwaoko; bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni enabaqeshwa, besuka bamlandela.

21. Bangena eKapernahum. Engene kwaoko ngesabatha endlwini yesikhungu, wafundisa.

22. Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.

23. Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala, esithi, Yoo!

24. Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Ùzé kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.

25. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye.

26. Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye.

funda isahluko epheleleyo Umarko 1