Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 1:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo.

2. Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa,Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho,Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.(UMal. 3:1)

3. Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,Wulungiseni umendo weNkosi;Zityenenezeni iindlela zayo!(UIsaya 40:3)

4. Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono.

5. Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.

6. Waye ke kaloku uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe, abe ke esidla iinkumbi nobusi basendle.

7. Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe.

8. Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.

9. Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.

10. Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe.

11. Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.

12. Uthi kwaoko uMoya amkhuphele entlango.

13. Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mané, ehendwa nguSathana; waye endawonye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungisesela.

14. Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, esithi,

15. Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.

funda isahluko epheleleyo Umarko 1