Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 9:29-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela.

30. Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, engooMoses noEliya,

31. ababonakalayo besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem.

32. Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye.

33. Ekwahlukaneni kwawo kuye, wathi uPetros kuye uYesu, Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha. Masenze ke iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya; watsho engayazi into ayithethayo.

34. Kuthe ke, akubon' ukuba uthethe ezo zinto, kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho.

35. Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.

36. Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bahlala bathi cwaka bona, àbabikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile.

37. Ke kaloku kuthe ngomhla olandelayo, bakubon' ukuba bahlile entabeni, wahlangatyezwa sisihlwele esikhulu.

38. Kwabonakala kuvela indoda esihlweleni apho, yankqangaza isithi, Mfundisi, ndiyakukhunga, mbone unyana wam; kuba ndimzele wamnye.

39. Ùyabona, uthatyathwa ngumoya, akhale kwangesiquphe, umbethe athi xhwenene, ade alephuze amagwebu; uze uthi, umqobile, umke kuye ngenkankulu.

40. Ndabakhunga ke abafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako.

41. Waphendula uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndikuni, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho.

42. Akubon' ukuba useza ke, isuke idemon yamntlala, yambetha, wathi xhwenene kunene. Wawukhalimela ke uYesu umoya ongcolileyo, waphilisa umntwana, wambuyisela kuyise.

43. Bakhwankqiswa ke bonke bubungangamela bukaThixo.Bakubon' ukuba bamangalisiwe bonke zizinto zonke awazenzayo uYesu, wathi kubafundi bakhe,

44. Wabekeleni nina iindlebe la mazwi; kuba uNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu.

45. Kodwa bona babengaliqondi eli lizwi; laye lifihliwe kubo, ukuze bangaliboni. Babesoyika nokumbuza ngalo eli lizwi.

46. Ke kaloku kwangena ukucamanga phakathi kwabo kokuthi, angaba ngubani na omkhulu phakathi kwabo.

47. Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye.

funda isahluko epheleleyo Uluka 9