Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 9:21-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Wabakhalimela ke, ebathethela ngelithi, le nto mabangayithethi nakubani; esithi,

22. UNyana woMntu umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu, avuke.

23. Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke.

24. Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo.

25. Kuba kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile?

26. Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele.

27. Ndithi ke kuni, Inyaniso, kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa, bade babubone ubukumkani bukaThixo.

28. Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka waya entabeni, esiya kuthandaza.

29. Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela.

30. Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, engooMoses noEliya,

31. ababonakalayo besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem.

32. Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye.

funda isahluko epheleleyo Uluka 9