Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 9:12-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke kaloku yaqala ukumka imini. Beza ke abalishumi elinababini, bathi kuye, Zindulule izihlwele, ukuze bemke, baye emizini ejikelezileyo, nasemaphandleni, balale, ze bafumane into edliwayo; ngokuba apha sikwindawo eyintlango.

13. Uthe ke kubo, Bapheni nina badle. Bathi ke bona, Akukho nto sinayo ingaphezu kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini; singaba kambe siya kuya sibathengele izinto ezidliwayo bonke aba bantu.

14. Kuba amadoda ngathi ayemawaka mahlanu.Wathi ke kubafundi bakhe, Bangqengqiseni, babe yimityino emashumi ngamahlanu.

15. Benjenjalo, babangqengqisa bonke.

16. Ezithabathile ke izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wakhangela ezulwini, wazisikelela, waqhekeza; wamana enika abafundi, ukuba babeke ezihlweleni.

17. Badla bahlutha bonke; kwasuswa okuseleyo kubo izitya zamaqhekeza zalishumi elinazibini.

18. Ke kaloku kwathi, ekubeni ethandaza eyedwa, bantontelana kuye abafundi, wabuza kubo, esithi, Izihlwele ezi zithi ndingubani na?

19. Baphendula ke bona, bathi, Zithi unguYohane umbhaptizi; abanye ke bathi unguEliya; abanye ke bathi, kubuye kwavuka mprofeti uthile kumanyange.

20. Uthe ke kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uPetros wathi, Unguye uKristu* kaThixo.

21. Wabakhalimela ke, ebathethela ngelithi, le nto mabangayithethi nakubani; esithi,

22. UNyana woMntu umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu, avuke.

funda isahluko epheleleyo Uluka 9