Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:43-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

43. Nentokazi eyayinethombo legazi iminyaka elishumi linamibini, eyayithe yona phezu koko yadleka impahla yayo iphela ngamagqirha, ayaba nako ukuphiliswa bani,

44. yeza ngasemva, yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi layo.

45. Wathi uYesu, Ngubani na lo undichukumisileyo? Bakuba bekhanyela bonke, wathi uPetros nabo babenaye, Mongameli, izihlwele zikuxina, zikukhandanisa nje, ùthi na, Ngubani na lo undichukumisileyo?

46. Uthe ke uYesu, Úkho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum.

47. Ithe ke intokazi leyo, yakubona ukuba ayifihlakele, yeza igubha, yawa phambi kwakhe, yaxela emehlweni abo bonke abantu, ukuba bekungasizathu sini na ebimchukumisile, nokuphiliswa kwayo kwangoko.

48. Uthe ke yena kuyo, Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8