Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:34-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Bakukubona ke okuhlileyo abo babezalusa, basaba, baya babika ekhaya nasemaphandleni.

35. Baphuma ke abantu, baya kukubona okuhlileyo; beza kuYesu, bamfumana ehleli umntu lowo, beziphume kuye iidemon, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo, engasezinyaweni zikaYesu; baza boyika.

36. Bathi ke nabo babonileyo, bababikela ukuba uthiweni na ukuphiliswa obephethwe ziidemon.

37. Yamcela yonke inkitha yommandla wabaseGadara, ukuba emke kubo; ngokuba babebanjwe kukoyika okukhulu. Uthe ke yena, engene emkhombeni, wabuya.

38. Ke kaloku indoda leyo, zaye ziphume kuyo iidemon, yayimkhunga ukuba ibe naye. Ke yena uYesu wayindulula, esithi,

39. Buyela endlwini yakho, ubacacisele oko zingako izinto uThixo akwenzele zona. Yemka, yavakalisa kuwo wonke umzi oko zingako izinto uYesu ayenzele zona.

40. Kwathi ke kaloku, ekubuyeni kukaYesu, zamamkela izihlwele; kuba bonke babemlindile.

41. Kwabonakala kusiza indoda egama linguYayiro; yaye yona ingumphathi wendlu yesikhungu. Yawa ezinyaweni zikaYesu, yayimbongoza ukuba eze endlwini yayo.

42. Kuba yabe inentombi, iyizala inye, eminyaka ngathi ilishumi linamibini izelwe; yaye yona iqhawuka. Ke kaloku, ekuyeni kwakhe apho, izihlwele bezimxinile.

43. Nentokazi eyayinethombo legazi iminyaka elishumi linamibini, eyayithe yona phezu koko yadleka impahla yayo iphela ngamagqirha, ayaba nako ukuphiliswa bani,

44. yeza ngasemva, yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi layo.

45. Wathi uYesu, Ngubani na lo undichukumisileyo? Bakuba bekhanyela bonke, wathi uPetros nabo babenaye, Mongameli, izihlwele zikuxina, zikukhandanisa nje, ùthi na, Ngubani na lo undichukumisileyo?

46. Uthe ke uYesu, Úkho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8