Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:25-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Wathi ke kubo, Luphi na ukholo lwenu? Bathe, kuba besoyika, bamangaliswa, besitshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto ayithethela imimoya kwanamanzi, zimlulamele ezo zinto?

26. Bahambela ngomkhombe ezweni laseGadara, elikhangelene nelaseGalili.

27. Ke kaloku, akuphumela emhlabeni, kwaqubisana naye indoda ethile iphuma emzini, esekukade ineedemon. Yayingambathi ngubo, ingahlali ndlwini, isuka ihlale emangcwabeni.

28. Ithe ke yakumbona uYesu, yakhala kunene, yawa phambi kwakhe, yathi ngezwi elikhulu, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kukhunga ukuba ungandithuthumbisi.

29. Kuba ebewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini lowo. Kuba bekuba futhi umthi hlasi; wayebotshwa ngemixokelelwane nangamakhamandela, egciniwe; asuke azijace izibophelelo aqhutyelwe yidemon entlango.

30. UYesu wambuza ke esithi, Ungubani na igama lakho? Uthe ke yena, NdinguMkhosi; kuba kwakungene kuye iidemon ezininzi.

31. Wayembongoza ukuba angazithetheli ziye kungena enzonzobileni.

32. Bekukho ke apho ugxuba lweehagu ezininzi, lusidla entabeni; zaye zimbongoza, ukuba azivumele ziye kungena kuzo.

33. Wazivumela ke. Ziphumile ke iidemon emtwini lowo, zangena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela edikeni, lwarhaxwa.

34. Bakukubona ke okuhlileyo abo babezalusa, basaba, baya babika ekhaya nasemaphandleni.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8