Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:2-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Nabafazi abathile ababephiliswe koomoya abangendawo nasebulwelweni, uMariya okuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iidemon zosixhenxe,

3. noYohana, umfazi kaKuza, igosa likaHerode, noSusana, nabanye abaninzi; bona babemlungiselela ngeempahla zabo.

4. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kuntontelene isihlwele esikhulu, bathi nabemizi ngemizi bawomela kuye.

5. Wathi ngomzekeliso, Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe yawa enye ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayigqiba.

6. Yimbi yawa elulwalweni, yathi isahluma, yatsha ngenxa yokuba ibingenakunyakama.

7. Yimbi yawa phakathi kwemithana enameva, yasuka imithana enameva yahluma kunye nayo, yayiminxa.

8. Yimbi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yahluma, yavelisa isiqhamo kalikhulu. Uthe ezithetha ezi zinto, waye edanduluka esithi, Lowo uneendlebe zokuva makeve.

9. Baye ke abafundi bakhe bembuza besithi, Úngaba uyintoni na lo mzekeliso?

10. Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ke kwabanye bona kungemizekeliso, ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi.

11. Ke kaloku umzekeliso nguwo lo:

12. Imbewu le lilizwi likaThixo. Abo ke bangasendleleni ngabo bevayo, andule afike uMtyholi, alisuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakholwa basindiswe.

13. Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke àbanangcambu; bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle.

14. Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo.

15. Ke leyo isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde.

16. Akukho ke uthi, esilumekile isibane, asisibeke ngesitya, athi mhlawumbi asibeke ngaphantsi kwesingqengqelo; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangénayo bakubone ukukhanya.

17. Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kanjalo akukho ifihlakeleyo ingayi kwazeka, ize ekuhléni.

18. Lumkani ngoko ukuva eniva ngako; kuba osukuba enako, uya kunikwa; nosukuba engenako, uya kuhluthwa noko ngathi unako.

19. Ke kaloku kwafika kuye unina nabazalwana bakhe, baza àbaba nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele.

20. Wabikelwa ke, kusithiwa, Unyoko nabazalwana bakho bemi ngaphandle, befuna ukukubona.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8