Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 7:47-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

47. Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ngokuba úthandé kakhulu; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane.

48. Wathi ke kuye, Zixolelwe izono zakho.

49. Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo uxolela nezono?

50. Uthe ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 7