Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 7:40-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Waphendula uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. (Athi ke yena, Thetha, Mfundisi.)

41. Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo* ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu.

42. Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi na kubo oya kumthanda ngokungaphezulu?

43. Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Wahlulé walungisa.

44. Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Ùyambona na lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe.

45. Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam.

46. Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo.

47. Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ngokuba úthandé kakhulu; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane.

48. Wathi ke kuye, Zixolelwe izono zakho.

49. Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo uxolela nezono?

50. Uthe ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 7