Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 7:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum.

2. Waye ke umkhonzi womthethelikhulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha.

3. Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathuma kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumsindisa umkhonzi wakhe.

4. Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Úkufanele oko lowo ùngamenzelayo oko;

5. kuba úyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena.

6. Wahamba ke uYesu nabo.Akubon' ukuba ke àkasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungàzikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam;

7. kungoko nam ndingàkufanelanga ukuda ndize; thetha ngezwi lodwa, wóphiliswa umkhonzi wam;

funda isahluko epheleleyo Uluka 7