Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 7:1-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum.

2. Waye ke umkhonzi womthethelikhulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha.

3. Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathuma kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumsindisa umkhonzi wakhe.

4. Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Úkufanele oko lowo ùngamenzelayo oko;

5. kuba úyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena.

6. Wahamba ke uYesu nabo.Akubon' ukuba ke àkasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungàzikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam;

7. kungoko nam ndingàkufanelanga ukuda ndize; thetha ngezwi lodwa, wóphiliswa umkhonzi wam;

8. kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.

9. Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, waguqukela kwindimbane ebimlandela, wathi, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.

10. Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile.

11. Kwathi ngomhla olandelayo, waya emzini ekuthiwa yiNayin. Kwaye kuhamba naye iqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu.

12. Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye.

13. Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila.

14. Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Yathi, Ndodana, ndithi kuwe, Vuka.

15. Wavuka wahlala umfi lowo, waza ke wathetha. Yamnikela ke kunina.

16. Bangenwa ke kukoyika bonke. Babemzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; besithi, Ubavelele uThixo abantu bakhe.

17. Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke.

18. Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto.

funda isahluko epheleleyo Uluka 7