Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwe phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ezo ke kungavumelekileyo ukuba zidliwe bantu, ingengabo ababingeleli bodwa?

5. Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.

6. Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene.

7. Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela.

8. Kodwa yena ebezazi izicamango zabo, wathi kuloo mntu usandla somileyo, Phakama, umele phakathi. Usukile ke wema.

9. Uthe ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza into: okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na?

10. Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo ke; sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.

11. Basuka ke bona baphambana ngumsindo; babethethana bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu.

12. Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ngokuthandaza kuThixo.

13. Kwathi kwakusa, wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinababini, awathi kananjalo wabathiya elokuba ngabapostile:*

funda isahluko epheleleyo Uluka 6