Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:36-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.

37. Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; khululani, naniya kukhululwa.

38. Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu; kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.

39. Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, Ingákhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kuthi na zombini zeyele emhadini?

40. Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke olungiswe kwaphela, uya kuba njengomfundisi wakhe.

41. Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti ke wona umqadi okwelakho iliso akuwuqiqi?

42. Ungáthini na ukuba nako ukuthi kumzalwana wakho, Mzalwana, yeka ndisikhuphe isibi esisesweni lakho, ungawuboni nje wena umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.

43. Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kanjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle.

44. Kuba umthi wonke waziwa ngesiqhamo sawo; kuba kungàkhiwa makhiwane emithaneni enameva, kanjalo kungàbuthwa diliya equnubeni.

45. Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.

46. Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo?

47. Wonke ke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ndonibonisa lowo afana naye.

48. Ufana nomntu owákha indlu, wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa. Kwathi, kwakubakho umkhukula, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; kuba ibisekwe phezu kolwalwa olo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 6