Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:32-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni bayabathanda abo babathandayo.

33. Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni benza kwaloo nto.

34. Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuya nizuze kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze kwangangoko.

35. Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.

36. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.

funda isahluko epheleleyo Uluka 6