Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:27-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo.

28. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

29. Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nóthabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi.

30. Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize.

31. Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.

32. Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni bayabathanda abo babathandayo.

33. Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni benza kwaloo nto.

34. Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuya nizuze kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze kwangangoko.

35. Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.

36. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.

37. Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; khululani, naniya kukhululwa.

38. Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu; kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.

39. Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, Ingákhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kuthi na zombini zeyele emhadini?

40. Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke olungiswe kwaphela, uya kuba njengomfundisi wakhe.

funda isahluko epheleleyo Uluka 6