Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:22-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu.

23. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.

24. Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu.

25. Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba.Yeha, nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile.

26. Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.

27. Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo.

28. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

29. Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nóthabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi.

30. Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize.

31. Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.

32. Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni bayabathanda abo babathandayo.

33. Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni benza kwaloo nto.

34. Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuya nizuze kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze kwangangoko.

funda isahluko epheleleyo Uluka 6