Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:19-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke.

20. Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi,Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo.

21. Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa.Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka.

22. Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu.

23. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.

24. Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu.

25. Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba.Yeha, nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile.

26. Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.

27. Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo.

28. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

29. Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nóthabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi.

30. Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize.

31. Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 6