Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:14-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. uSimon, awamthiya nelokuba nguPetros, noAndreya, umzalwana wakhe; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu; uMateyu noTomas;

15. uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon, ekuthiwa ngumZeloti;

16. uYuda kaYakobi, noYuda Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.

17. Wehla nabo, wema endaweni ethe tyaba, neqela labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaYuda, naseYerusalem, nakulo ilizwe elingaselwandle laseTire neTsidon, ababeza kumva, nokuba baphiliswe kuzo izifo zabo;

18. nabò babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa.

19. Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke.

20. Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi,Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo.

21. Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa.Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka.

22. Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu.

23. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.

funda isahluko epheleleyo Uluka 6