Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 5:25-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo.

26. Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone izanga namhlanje.

27. Ke kaloku, emveni kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele.

28. Washiya konke, wesuka wamlandela.

29. Waza uLevi wamenzela isidlo esikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho iqela elikhulu lababuthi berhafu nelabanye, ababehleli ngasesithebeni nabo.

30. Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni?

31. Waphendula uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo.

32. Andizé kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.

33. Ke kaloku bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze nezikhungo; benjenjalo nababaFarisi; kanti ke bona abakho bayadla basele?

34. Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa asenabo umyeni?

35. Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla.

36. Ke kaloku wabethetha nomzekeliso kubo esithi, Akukho ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye wóba ukrazula leyo intsha, sithi nesiziba eso sentsha singavumani nendala.

37. Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye yozigqabhuza iintsuba iwayini entsha, iphalale yona, zitshabalale neentsuba.

38. Yona iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha zigcinakale ezo zinto zombini.

39. Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko; ngokuba uthi, Endala yeyona inencasa.

funda isahluko epheleleyo Uluka 5