Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 5:19-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yesihlwele, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ndawonye nokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu.

20. Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, ùzixolelwe izono zakho.

21. Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa?

22. Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu?

23. Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi, Ùzixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?

24. Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.

25. Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 5