Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 5:14-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wayithethela yena ngelithi, mayingaxeleli bani. Wathi, Yiya kuzibonisa kumbingeleli, usondeze idini, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, njengoko wamisayo uMoses, kube bubungqina kubo.

15. Kwaba kukhona ke luhlakazekayo udaba ngaye; kwaye kubuthelana izihlwele ezikhulu ukuza kuphulaphula, nokuphiliswa nguye ebulwelweni bazo.

16. Waye ke yena emana ukuzisithelisa ezindaweni eziziintlango, athandaze.

17. Kwathi ke ngamini ithile wafundisa. Kwaye kuhleli abaFarisi nabafundisimthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, neyelakwaYuda, naseYerusalem; aye ekho amandla eNkosi ukuba abaphilise.

18. Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu onedumbe; ayefuna ukumngenisa, ambeke phambi kwakhe.

19. Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yesihlwele, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ndawonye nokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu.

20. Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, ùzixolelwe izono zakho.

21. Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa?

22. Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu?

23. Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi, Ùzixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?

24. Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.

25. Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo.

26. Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone izanga namhlanje.

27. Ke kaloku, emveni kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele.

28. Washiya konke, wesuka wamlandela.

29. Waza uLevi wamenzela isidlo esikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho iqela elikhulu lababuthi berhafu nelabanye, ababehleli ngasesithebeni nabo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 5