Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 5:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kuthe, ekubeni zimxinile izihlwele, ziza kuva ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete.

2. Wabona imikhombe emibini imi ngasedikeni apho; babe ke ababambisi beentlanzi bephumile kuyo, behlamba iminatha yabo.

3. Wathi ke, engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba akhe akhwelelise kancinane emhlabeni; waza, ehleli phantsi, wamana ezifundisa izihlwele esemkhombeni apho.

4. Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe.

5. Waphendula uSimon wathi kuye, Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha.

6. Bathi, bakukwenza oko, bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo.

7. Bakhoba amahlulelana abo, abekomnye umkhombe, ukuba eze kuncedisana nabo. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona.

funda isahluko epheleleyo Uluka 5