Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 4:8-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. UYesu wamphendula wathi, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa.

9. Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya.

10. Kuba kubhaliwe kwathiwa,Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine;

11. kwathiwa,Ziya kukufukula ngezandla,Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho.(INdum. 91:11,12)

12. Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho.(IDut. 6:16)

13. Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu.

14. Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke.

15. Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke.

16. Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese.

17. Wanikelwa incwadi kaIsaya umprofeti, wathi, akuba eyitwabulule incwadi leyo, wafumana indawo le kubhalwe kuyo kwathiwa,

18. UMoya weNkosi uphezu kwam,Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu.Indithumé ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa,Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama,Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,

19. Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi.(UIsaya 61:1-2)

20. Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye.

21. Waqala ke ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.

22. Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe; babesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu?

funda isahluko epheleleyo Uluka 4