Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 4:37-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla.

38. Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe yicesina enkulu; bambika kuye.

39. Wema phezu kwakhe, wayikhalimela icesina, yamyeka; evukile ke kwangoko, wamana ebalungiselela.

40. Kuthe ke bakubon' ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazìsa kuye; wazibeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa.

41. Zaye ke needemon ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu,* uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; ngokuba bezimazi ukuba unguye uKristu.

42. Kwakusa, waphuma waya endaweni eyintlango; zaye izihlwele zimfuna, zada zaza kufika kuye; zazimbambezela ukuba angemki kuzo.

43. Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko.

44. Waye ezivakalisa ke ezindlwini zesikhungu zelaseGalili.

funda isahluko epheleleyo Uluka 4