Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 4:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka.

4. UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo.

5. UMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha.

6. Wathi ke uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona.

7. Ukuba ngoko uthe wena waqubuda phambi kwam, konke oko koba kokwakho.

8. UYesu wamphendula wathi, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa.

9. Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya.

10. Kuba kubhaliwe kwathiwa,Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine;

11. kwathiwa,Ziya kukufukula ngezandla,Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho.(INdum. 91:11,12)

funda isahluko epheleleyo Uluka 4