Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 4:26-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. kanti uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela.

27. Kanjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela.

28. Bazala ngumsindo bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezo zinto.

29. Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni.

30. Usuke yena wacanda phakathi kwabo, wemka.

31. Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha.

32. Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.

33. Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo;

34. wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.

35. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga.

36. Besuka bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume?

37. Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla.

38. Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe yicesina enkulu; bambika kuye.

39. Wema phezu kwakhe, wayikhalimela icesina, yamyeka; evukile ke kwangoko, wamana ebalungiselela.

funda isahluko epheleleyo Uluka 4