Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 4:19-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi.(UIsaya 61:1-2)

20. Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye.

21. Waqala ke ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.

22. Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe; babesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu?

23. Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuvé kwenzeké eKapernahum, kwénze nakowenu apha.

24. Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo.

25. Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe;

26. kanti uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela.

27. Kanjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela.

28. Bazala ngumsindo bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezo zinto.

29. Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni.

30. Usuke yena wacanda phakathi kwabo, wemka.

31. Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha.

32. Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.

33. Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo;

34. wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.

35. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga.

funda isahluko epheleleyo Uluka 4