Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 3:2-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. ngexa lababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane, unyana kaZekariya, entlango.

3. Weza kuwo wonke ummandla waseYordan, evakalisa ubhaptizo lwenguquko ukuze kuxolelwe izono;

4. njengoko kubhaliweyo encwadini yamazwi kaIsaya umprofeti, esithi,Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,Yilungiseni indlela yeNkosi,Wutyenenezeni umendo wayo.

5. Yonke imifula iya kudityelelwa,Nazo zonke iintaba neenduli ziya kuthotywa,Neendawo ezigoso ziya kuthi tye,Nezibugqagala ziya kuba ziindlela ezigudileyo;

6. Bonke abantu baya kulubona usindiso lukaThixo.(UIsaya 40:3-5)

7. Wayesithi ngoko kuzo izihlwele ezaziphuma zisiza kubhaptizwa nguye, Nzalandini yamarhamba, ngubani na owanibonisayo, ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?

8. Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham: kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.

9. Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko umthi wonke ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni.

10. Zaye izihlwele zibuza kuye, zisithi, Masenze ntoni na ke?

11. Waphendula ke wathi kubo, Lowo uneengubo zangaphantsi ezimbini, makabele ongenáyo: nalowo unokudla, makenjenjalo.

12. Kweza ke nababuthi berhafu ukuba babhaptizwe, bathi kuye, Mfundisi, masenze ntoni na?

13. Wathi ke kubo, Ningabizi okungaphezu kwenikumiselweyo.

14. Ayebuza kuye ke namasoldati, esithi, Masenze ntoni na ke thina? Wathi kuwo, Ningaphangi mntu ngokumoyikisa, nìngadli mntu ngokumtyhola; yanelani yimivuzo yenu.

15. Ke kaloku, bakubon' ukuba abantu balindile, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba akangebi nguye na uKristu,*

16. waphendula uYohane kubo bonke esithi, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe; uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena;

17. omnyazi wokwela usesandleni sakhe. Uya kusicokisa kuthi tu isandá sakhe, ayibuthele kuvimba wakhe ingqolowa; ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 3