Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 24:37-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Besuka ke bankwantya, bangenelwa kukoyika, beba babone umshologu.

38. Wathi kubo, Yini na ukuba nikhathazeke? Kungani na ke ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu?

39. Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ndicofeni, nikhangele; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna.

40. Utshilo, wababonisa izandla neenyawo zakhe.

41. Ke kaloku, bakubon' ukuba abakakholwa, ngenxa yovuyo, bemangalisiwe, wathi kubo, Ninanto na idliwayo apha?

42. Bamnika ke intwana yentlanzi eyosiweyo, neyenqatha lobusi;

43. wathabatha, wadla emehlweni abo.

44. Uthe ke kubo, Ngawo la amazwi endawathethayo kuni ndisenani, okokuba zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam emthethweni kaMoses, nasebaprofetini, nasezindumisweni.

45. Wandula wayivula ingqiqo yabo, ukuze baziqonde izibhalo;

46. wathi kubo, Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu;

47. nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga, kuqalelwa eYerusalem.

48. Nina ke ningamangqina ezi zinto.

49. Yabonani, mna ndilithumela kuni idinga likaBawo; ke nina hlalani kuwo umzi oyiYerusalem, nide nambathiswe amandla aphuma enyangweni.

50. Ke kaloku wabarholela ngaphandle, kwada kwaya eBhetani; waziphakamisa izandla zakhe, wabasikelela.

51. Kwathi, ekubasikeleleni kwakhe, wahluka kubo, wenyuswa wasiwa emazulwini.

52. Baza bona, bakuba bequbudile kuye, babuyela eYerusalem benovuyo olukhulu.

53. Bamana behleli etempileni, bedumisa, bebonga uThixo. Amen.

funda isahluko epheleleyo Uluka 24