Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 24:30-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.

31. Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo.

32. Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?

33. Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye nabo babenabo, besithi,

34. INkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon.

35. Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka.

36. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayazithetha ezo zinto, uYesu ngokwakhe wema phakathi kwabo, wathi kubo, Uxolo malube nani.

37. Besuka ke bankwantya, bangenelwa kukoyika, beba babone umshologu.

38. Wathi kubo, Yini na ukuba nikhathazeke? Kungani na ke ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu?

39. Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ndicofeni, nikhangele; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna.

40. Utshilo, wababonisa izandla neenyawo zakhe.

41. Ke kaloku, bakubon' ukuba abakakholwa, ngenxa yovuyo, bemangalisiwe, wathi kubo, Ninanto na idliwayo apha?

42. Bamnika ke intwana yentlanzi eyosiweyo, neyenqatha lobusi;

43. wathabatha, wadla emehlweni abo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 24