Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 24:24-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga.

25. Waza yena wathi kubo, Oyi! baswelikuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthetháyo abaprofeti!

26. UKristu* ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?

27. Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.

28. Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.

29. Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.

30. Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.

31. Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo.

32. Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?

33. Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye nabo babenabo, besithi,

34. INkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon.

35. Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka.

funda isahluko epheleleyo Uluka 24