Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 24:15-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Kwathi, ekuxoxeni kwabo, nasekubuzaneni kwabo, uYesu ngokwakhe wasondela wahamba nabo.

16. Kuloko amehlo abo ayebanjiwe, ukuba bangamazi.

17. Wathi ke kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha?

18. Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungàzazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini?

19. Wathi kubo, Zìphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu;

20. ukuba báthini na ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu ukumnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni.

21. Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uSirayeli ngentlawulelo; kunjalonje ke, namhla lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto.

22. Kananjalo abafazi abathile bethu, ababesengcwabeni kwakusasa, babéthe sathi nqa.

23. Bathe bengawufumani umzimba wakhe, beza besithi, babone nombono wezithunywa zezulu, ezithi zona, uhleli.

24. Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga.

25. Waza yena wathi kubo, Oyi! baswelikuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthetháyo abaprofeti!

26. UKristu* ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?

funda isahluko epheleleyo Uluka 24