Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 24:10-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Baye ke bengooMariya waseMagadala, noYohana, noMariya kaYakobi, nabanye ababenabo, abazixeláyo ezo zinto kubapostile.*

11. Amazwi abo abonakala emehlweni abo engáthi kukulavuza; àbakholwa ngabo.

12. Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wagoduka, emangalisiwe koko kuhlileyo.

13. Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya* zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi.

14. Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile.

15. Kwathi, ekuxoxeni kwabo, nasekubuzaneni kwabo, uYesu ngokwakhe wasondela wahamba nabo.

16. Kuloko amehlo abo ayebanjiwe, ukuba bangamazi.

17. Wathi ke kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha?

18. Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungàzazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini?

19. Wathi kubo, Zìphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu;

funda isahluko epheleleyo Uluka 24